EkaDavide.
א [ʼAʹleph]
25 Owu Yehova, ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam.+
ב [Behth]
2 Owu Thixo wam, ndikholose ngawe;+
Ngamana ndingangadani.
Ngamana iintshaba zam azingendivuyeleli.+
ג [Giʹmel]
3 Akukho namnye kwabo bathembela ngawe oya kudana.+
Baya kudana abo benza ngobuqhophololo ngaphandle kwempumelelo.+
ד [Daʹleth]
4 Ndazise iindlela zakho, Yehova;+
Ndifundise iindlela zakho.+
ה [Heʼ]
5 Ndihambise enyanisweni yakho undifundise,+
Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam.+
ו [Waw]
Bendithembele kuwe imini yonke.+
ז [Zaʹyin]
6 Owu Yehova yikhumbule inceba yakho+ nobubele bakho bothando,+
Kuba zisukela kwixesha elingenammiselo.+
ח [Chehth]
7 Ungazikhumbuli izono zobutsha bam nemvukelo yam.+
Ngokobubele bakho obunothando ndikhumbule,+
Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.+
ט [Tehth]
8 Ulungile yaye uthe tye uYehova.+
Kungenxa yoko eyalela aboni endleleni.+
י [Yohdh]
9 Uya kubangela abalulamileyo bahambe kwimimiselo yakhe,+
Yaye abalulamileyo uya kubafundisa indlela yakhe.+
כ [Kaph]
10 Zonke iindlela zikaYehova zibububele bothando nenyaniso
Ngenxa yabo bagcina umnqophiso wakhe+ nezikhumbuzo zakhe.+
ל [Laʹmedh]
11 Ngenxa yegama lakho, Yehova,+
Umele usixolele kwanesiphoso sam, kuba sikhulu.+
מ [Mem]
12 Ke kaloku, ngubani na umntu owoyika uYehova?+
Womyalela indlela aya kuyinyula.+
נ [Nun]
13 Umphefumlo wakhe uya kuhlala ekulungeni,+
Nenzala yakhe iya kuwudla ilifa umhlaba.+
ס [Saʹmekh]
14 Ukusondelelana noYehova kokwabo bamoyikayo,+
Kwanomnqophiso wakhe, ubabangela bawazi.+
ע [ʽAʹyin]
15 Amehlo am ahlala ekhangele kuYehova,+
Kuba nguye okhupha iinyawo zam emnatheni.+
פ [Peʼ]
16 Bubhekise kum ubuso bakho, undibabale;+
Kuba ndindedwa yaye ndixhwalekile.+
צ [Tsa·dhehʹ]
17 Ukubandezeleka kwentliziyo yam kwandile;+
Kwiingcinezelo eziphezu kwam ndikhuphe.+
ר [Rehsh]
18 Yibone inkxwaleko yam nenkathazo yam,+
Uze uzixolele zonke izono zam.+
19 Bona ukuba zininzi kangakanani iintshaba zam,+
Yaye zindithiye ngentiyo enogonyamelo.+
ש [Shin]
20 Wulinde umphefumlo wam undihlangule.+
Ngamana ndingangadaniswa, kuba ndisabela kuwe.+
ת [Taw]
21 Ingqibelelo nokutye tye makundilondoloze,+
Kuba ndithembela kuwe.+
22 Owu Thixo, mkhulule uSirayeli kuko konke ukubandezeleka kwakhe.+