INdumiso
Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. Ingoma.
2 Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.+
4 Unoyolo lowo umkhethayo uze umbangele asondele,+
Ukuze ahlale ezintendelezweni zakho.+
Ngokuqinisekileyo siya kwaneliswa kukulunga kwendlu yakho,+
Indawo engcwele yetempile yakho.+
5 Uya kusiphendula ngezinto ezoyikekayo ngobulungisa,+
Thixo wosindiso lwethu,+
INkoloseko yayo yonke imida yomhlaba nabo bakude elwandle.+
8 Abemi bezona nxalenye ziseziphelweni baya kuyoyika imiqondiso yakho;+
Ukuphuma kwentsasa nokuhla ukubangela kumemelele ngovuyo.+
9 Uyiphethulele emhlabeni ingqalelo yakho, ukuze uwunike intabalala;+
Uwutyebisa kakhulu.
Umsinga ovela kuThixo uzele ngamanzi.+
Ulungisa ukudla kwabo okuziinkozo,+
Kuba leyo yindlela owulungisa ngayo umhlaba.+