Isaya
49 Phulaphulani kum, nina ziqithi,+ nikelani ingqalelo, nina maqela eentlanga akude.+ UYehova undibizile+ kwasesiswini.+ Ezibilinini zikama ulikhankanyile igama lam.+ 2 Yaye umlomo wam wawenza wanjengekrele elibukhali.+ Undifihle emthunzini+ wesandla sakhe.+ Kwaye undenze ndalutolo olukhazimlisiweyo. Wandizimeza kumphongolo wakhe. 3 Waza wahlabela mgama wathi kum: “Ungumkhonzi wam, Sirayeli,+ wena endiya kubonakalisa kuye ubuhle bam.”+
4 Kodwa ke mna, ndathi: “Ndibulalekele ilize.+ Ndisebenzisele amandla am into engeyonene namampunge.+ Eneneni umgwebo wam ukuYehova,+ nomvuzo wam ukuThixo wam.”+ 5 Ke kaloku uthe ngam uYehova, Lowo wandiyila kwasesiswini ukuba ndibe ngumkhonzi wakhe,+ makubuyiselwe kuye uYakobi,+ ukuze uSirayeli ahlanganiselwe kuye.+ Yaye ndiya kuzukiswa emehlweni kaYehova, noThixo wam uya kuba ngamandla am. 6 Kwaye wathi: “Bekungaphezu kokuba yinto engenamsebenzi ngawe ukuba ngumkhonzi wam wokuphakamisa izizwe zakwaYakobi nokuphakamisa kwanabo balondoloziweyo bakwaSirayeli;+ kanjalo ndikunike ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga,+ ukuze usindiso lwam luse eziphelweni zomhlaba.”+
7 Utsho uYehova, uMhlawuleli kaSirayeli,+ Lowo Ungcwele wakhe, kulowo ucekisekayo umphefumlo wakhe,+ kulowo ucekisekileyo eluhlangeni,+ kumkhonzi wabalawuli, ukuthi:+ “Ookumkani baya kubona baze ngokuqinisekileyo baphakame,+ neenkosana ziya kuqubuda, ngenxa kaYehova, othembekileyo,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli, okunyulayo.”+
8 Utsho uYehova ukuthi: “Ngexesha lenkoliseko ndikuphendule,+ nangemini yosindiso ndikuncedile;+ yaye ndakulondoloza ukuze ndikunikele ube ngumnqophiso wabantu,+ ukuba kuhlaziywe ilizwe,+ balifumane kwakhona ilifa eliphanzileyo,+ 9 kuthiwe kumabanjwa,+ ‘Phumani!’+ kwabo basebumnyameni kuthiwe,+ ‘Zityhileni!’+ Baya kudla emadlelweni angasezindleleni, yaye amadlelo abo aya kuba kuwo wonke umendo ohanjwe kakhulu.+ 10 Abayi kulamba,+ bengayi kunxanwa,+ nolophu okanye ilanga aliyi kubabetha.+ Kuba Lowo unosizi ngabo uya kubakhokela,+ kwaye uya kubakhaphela emithonjeni yamanzi.+ 11 Yaye zonke iintaba zam ndiya kuzenza indlela, noohola bendlela baya kuba sendaweni ephakamileyo.+ 12 Khangela! Aba baya kuza bevela kude,+ bevela emntla+ nasentshona,+ bevela kwilizwe laseSinim.”
13 Memelelani ngochulumanco, nina mazulu,+ uvuye nawe mhlaba.+ Iintaba mazichwayite zimemelele ngochulumanco.+ Kuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe,+ yaye unosizi ngabaxhwalekileyo bakhe.+
14 Kodwa iZiyon yaqhubeka isithi: “UYehova undishiyile,+ kwaye uYehova undilibele.”+ 15 Umfazi angalulibala na usana lwakhe, angavakalelwa ngonyana wesisu sakhe?+ Nokuba bona abafazi banokulibala,+ kodwa mna andiyi kukulibala.+ 16 Khangela! Ndikukrolile ezintendeni zam.+ Iindonga zakho ziphambi kwam rhoqo.+ 17 Oonyana bakho bakhawulezile. Bona kanye abo bakuchithayo nabakuphanzisayo baya kuphuma kuwe. 18 Phakamisa amehlo akho macala onke uze ubone. Bonke baqokelelene ndawonye.+ Beze kuwe. “Ndiphila nje,” utsho uYehova,+ “uya kuzambesa ngabo bonke kanye njengokungathi sisihombo, yaye uya kuzibopha ngabo njengomtshakazi.+ 19 Nangona kukho iindawo zakho ezichithakeleyo neendawo zakho eziphanzileyo nelizwe lamanxuwa akho,+ nangona ngoku uxinene kakhulu ukuba kuhlalwe kuwe, nabo bakuginyileyo bebekude,+ 20 kanti oonyana obubahluthiwe+ baya kuthi ezindlebeni zakho, ‘Indawo le ixinene kakhulu kum.+ Ndivulele indawo ukuze ndihlale.’+ 21 Yaye ngokuqinisekileyo uya kuthi entliziyweni yakho, ‘Ngubani na ondizalele aba, ekubeni ndingumfazi ohluthwe abantwana noludlolo, oye ekuthinjweni nothatyathwe walibanjwa?+ Bona ke aba, ngubani na obakhulisileyo?+ Khangela! Mna bendisele ndedwa.+ Aba—bebephi na?’”+
22 Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Khangela! Ndiya kusiphakamisela ezintlangeni isandla sam,+ nakwizizwana ndiya kuphakamisa umqondiso.+ Kwaye ziya kubazisa esifubeni oonyana bakho, neentombi zakho ziya kuzithwala emagxeni.+ 23 Nookumkani bamele babe ngabanyamekeli bakho,+ amakhosazana abo abe ziimpelesi zakho. Baya kuqubuda kuwe ubuso bubheke emhlabeni,+ bakhothe uthuli lweenyawo zakho;+ yaye kuya kufuneka wazi ukuba ndinguYehova, lowo bangayi kuba neentloni abathembele ngaye.”+
24 Oko sele kuthatyathiwe kungathatyathwa na kwindoda enamandla,+ okanye lingabaleka na iqela labathinjwa bakazwilakhe?+ 25 Kodwa utsho uYehova ukuthi: “Kwaneqela labathinjwa bendoda enamandla liya kuthatyathwa,+ nabo sele bethatyathwe nguzwilakhe baya kubaleka.+ Kwaye nabani na osukuzana nawe mna ndiya kusukuzana naye,+ noonyana bakho ndiya kubasindisa.+ 26 Yaye ndiya kubenza abo bakudlakazelisayo badle inyama yabo; baya kunxila ligazi labo ngokungathi yiwayini enencasa. Kwaye yonke inyama kuya kufuneka yazi ukuba mna, Yehova,+ ndinguMsindisi wakho+ noMhlawuleli wakho,+ Lowo unaMandla kaYakobi.”+