Numeri
20 Bafika oonyana bakaSirayeli, indibano iphela, entlango yaseTsin+ ngenyanga yokuqala, bahlala abantu eKadeshe.+ Wafela khona uMiriyam+ waza wangcwatyelwa khona.
2 Ke kaloku kwakungekho manzi apho, ngoko ke indibano+ yahlanganisana nxamnye noMoses noAron.+ 3 Baxabana+ abantu noMoses bathi: “Akwaba sasibhubhe ngela xesha lokubhubha kwabazalwana bethu phambi koYehova!+ 4 Yini na ukuba nilingenise ibandla likaYehova kule ntlango ukuze sifele kuyo thina namaqegu ethu?+ 5 Yini na ukuba nisinyuse eYiputa nisizise kule ndawo imbi kangaka?+ Asindawo yambewu namakhiwane namidiliya nazirharnati,+ akukho namanzi la okusela.” 6 Basuka uMoses noAron phambi kwalo ibandla, baya emnyangweni wentente yokuhlangana, bawa ngobuso,+ baza babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.+
7 Wathetha uYehova kuMoses, esithi: 8 “Thabatha intonga+ uze uyibizele ndawonye indibano, wena noAron umntakwenu, nithethe engxondorheni phambi kwabo ukuba inike amanzi ayo; ubakhuphele amanzi engxondorheni leyo, uyiseze indibano namaqegu abo.”+
9 Wayithabatha ke uMoses intonga phambi koYehova,+ kanye njengoko wamyalelayo. 10 Emva koko uMoses noAron balibizela ndawonye ibandla phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo: “Khanive, nina, bavukeli!+ Sinikhuphele amanzi kule ngxondorha na?”+ 11 Ngoko uMoses wasiphakamisa isandla sakhe waza wayibetha kabini ingxondorha ngentonga yakhe; kwaphuma amanzi amaninzi, yasela indibano namaqegu abo.+
12 Kamva wathi uYehova kuMoses nakuAron: “Ngenxa yokuba ningabonisanga lukholo kum ukuba nindingcwalise+ emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kulingenisa eli bandla ezweni endibanika lona.”+ 13 Lawo ngamanzi aseMeribha,+ kuba oonyana bakaSirayeli baxabana noYehova, waza wangcwaliswa phakathi kwabo.
14 Emva koko uMoses wathumela abathunywa eKadeshe, baya kuthi kukumkani wakwaEdom:+ “Utsho umzalwana wakho uSirayeli+ ukuthi, ‘Wena uyabazi bonke ubunzima obasifikelayo.+ 15 Yaye behla oobawo baya eYiputa,+ sahlala eYiputa imihla emininzi;+ asiphatha kakubi amaYiputa thina noobawo.+ 16 Ekugqibeleni sadanduluka kuYehova,+ waliva ilizwi lethu, wathumela ingelosi+ yasikhupha eYiputa; naku ke ngoku silapha eKadeshe, isixeko esisekupheleni kommandla wakho. 17 Nceda usivumele, sidlule ezweni lakho. Asiyi kudlula emasimini nasesidiliyeni, asiyi kusela manzi equleni. Siya kuhamba ngendlela yokumkani.+ Asiyi kuphambuka siye ngasekunene okanye ngasekhohlo,+ side sidlule kummandla wakho.’”
18 Noko ke, wathi uEdom kuye: “Uze ungadluli kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.” 19 Bathi oonyana bakaSirayeli kuye: “Sonyuka ngohola wendlela; yaye ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ngokuqinisekileyo siya kuwahlawulela.+ Andifuni nto ngaphandle kokudlula nje ngeenyawo.”+ 20 Sekunjalo wathi yena: “Uze ungadluli.”+ Watsho waphuma uEdom+ waqubisana naye enabantu abaninzi kakhulu nesandla esomeleleyo. 21 Ngoko wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba adlule kummandla wakhe.+ Wajika ke uSirayeli wemka kuye.+
22 Banduluka eKadeshe+ oonyana bakaSirayeli, indibano iphela, beza eNtabeni yeHore.+ 23 Waza wathi uYehova kuMoses nakuAron eNtabeni yeHore emdeni welizwe lakwaEdom: 24 “UAron uya kuhlanganiselwa ebantwini bakowabo,+ ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuvukelayo umyalelo wam emanzini aseMeribha.+ 25 Thabatha uAron noEleyazare unyana wakhe ubanyusele eNtabeni yeHore. 26 Uze umhlube uAron izambatho zakhe,+ uzambathise uEleyazare+ unyana wakhe; uAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele apho.”+
27 Wenza uMoses kanye njengoko uYehova wamyalelayo; banyuka eNtabeni yeHore phambi kwamehlo ayo yonke indibano. 28 UMoses wamhluba uAron izambatho zakhe wazambathisa uEleyazare unyana wakhe, waza wafela khona uAron encotsheni yentaba.+ Bandula ke behla uMoses noEleyazare entabeni. 29 Yabona yonke indibano ukuba uAron ubhubhile, yaza yonke indlu yakwaSirayeli yamlilela uAron iintsuku ezingamashumi amathathu.+