IZenzo
2 Ke kaloku ngoxa umhla womthendeleko wePentekoste+ wawuqhubeka babekunye bonke kwindawo enye, 2 yaye ngequbuliso kwabakho ingxolo evela ezulwini enjengaleyo kanye yempepho ebhudla ngamandla, yaza yayizalisa indlu iphela ababehleli kuyo.+ 3 Yaye kwabonakala kubo iilwimi ezingathi zezomlilo+ kwaye zabèka, lwaza lwaolo lwahlala kuye ngamnye wabo, 4 baza bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele,+ baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo,+ kanye njengoko umoya wawubanika ukuba bathethe amazwi.
5 Ngokunjalo, kwakuhlala apho eYerusalem amaYuda,+ abantu aboyik’ uThixo,+ bevela kuzo zonke iintlanga zabo baphantsi kwezulu. 6 Kwathi kwakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngenxa yokuba ngamnye wabeva bethetha ngolwimi lwakhe. 7 Eneneni, yakhwankqiswa yaye yamangaliswa yathi: “Khanibone, bonke aba bathethayo ngamaGalili,+ akunjalo? 8 Ukanti kwenzeka njani ukuba sive, ngamnye wethu, ulwimi lwakhe esazalelwa kulo? 9 AmaParti namaMedi+ namaElam,+ nabemi baseMesopotamiya, nabelakwaYuda+ naseKapadokiya,+ abasePonto+ nakuso isithili saseAsiya,+ 10 nabaseFrigiya+ nasePamfiliya,+ abaseYiputa nakwimimandla yaseLibhiya, engaseKirene, nabaphambukeli abavela eRoma, amaYuda nabangeni ebuYudeni,+ 11 amaKrete+ nama-Arabhiya,+ sibeva bezithetha ngeelwimi zethu izinto zobungangamela zikaThixo.” 12 Ewe, bonke babekhwankqisiwe yaye bedidekile, besithi omnye komnye: “Ifuna ukuba yintoni na le nto?” 13 Noko ke, abanye bahlekisa ngabo bathi: “Bazele yiwayini enencasa.”+
14 Kodwa uPetros wema kunye nabalishumi elinanye+ yaye waliphakamisa ilizwi lakhe waza wathetha la mazwi kubo: “Madoda elakwaYuda nani nonke bemi baseYerusalem,+ makwazeke oku kuni kwaye wabekeleni indlebe amazwi am. 15 Aba bantu, enyanisweni, abanxilanga,+ njengoko niba kunjalo, kuba lilixa lesithathu lemini. 16 Ngokwahlukileyo koko, oku koko kwakutshiwo ngomprofeti uYoweli, 17 ‘“Yaye ngemihla yokugqibela,” utsho uThixo, “ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, ibe baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu kwaye abafana benu baya kubona imibono namadoda enu amadala aya kuphupha amaphupha;+ 18 yaye kwanaphezu kwamakhoboka am naphezu kwamakhobokakazi am ndiza kuthulula inxalenye yomoya wam ngaloo mihla, ibe aya kuprofeta.+ 19 Ndiza kwenza imihlola ezulwini phezulu nemiqondiso emhlabeni phantsi, igazi nomlilo nenkungu yomsi;+ 20 ilanga+ liya kujikwa libe bubumnyama nenyanga ibe ligazi ngaphambi kokuba imini enkulu neyimbalasane kaYehova ifike.+ 21 Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”’+
22 “Madoda akwaSirayeli, waveni la mazwi: UYesu umNazarete,+ indoda ekwaboniswa ngayo esidlangalaleni nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla+ nemihlola nemiqondiso uThixo awayenzayo ngayo phakathi kwenu,+ kanye njengoko nani nisazi, 23 lo mntu, njengalowo wanikelwayo ngokwecebo elamiselwayo nokwazi kwangaphambili kukaThixo,+ nambethelela esibondeni ngesandla sabantu abachas’ umthetho naza nambulala.+ 24 Kodwa uThixo wamvusa+ ngokukhulula inimba yokufa,+ ngenxa yokuba kwakungenakwenzeka ngaye ukuqhubeka ebanjwe nkqi kuko.+ 25 Kuba uDavide uthi ngaye, ‘Ndandinaye rhoqo uYehova phambi kwamehlo am; ngenxa yokuba ungasekunene kwam ukuze ndingaze ndigungqiswe.+ 26 Ngenxa yoku intliziyo yam yachwayita nolwimi lwam lwaphuphuma yimihlali. Ngaphezu koko, kwanenyama yam iya kuhlala ethembeni;+ 27 ngenxa yokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam eHadesi, ungayi kumvumela nalowo unyanisekileyo wakho ukuba abone ukonakala.+ 28 Undazisile iindlela zobomi, uya kundizalisa ngokuchwayita ngobuso bakho.’+
29 “Madoda, bazalwana, kuvumelekile ukuthetha ngokukhululekileyo kuni ngentloko-ntsapho uDavide, ukuba wasweleka+ waza wangcwatywa yaye ingcwaba lakhe liphakathi kwethu ukusa kulo mhla. 30 Ngoko ke, ngenxa yokuba wayengumprofeti yaye esazi ukuba uThixo wayemfungele ngesifungo ukuba wayeya kuhlalisa etroneni yakhe+ lowo wayevela kwisiqhamo sesinqe sakhe, 31 wabona kwangaphambili waza wathetha ngovuko lukaKRISTU, okokuba engazange ashiywe eHadesi nenyama yakhe ingazange ibone konakala.+ 32 Lo Yesu uThixo wamvusa, sibakala eso esingamangqina aso thina sonke.+ 33 Ngoko ke ngenxa yokuba waphakanyiselwa ngasekunene kukaThixo+ waza wamkela kuYise+ umoya oyingcwele owawuthenjisiwe, uthulule oku nikubonayo nenikuvayo. 34 Okunene uDavide akenyukelanga emazulwini,+ kodwa yena ngokwakhe uthi, ‘UYehova wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam,+ 35 ndide ndizibeke iintshaba zakho njengesihlalo seenyawo zakho.”’+ 36 Ngoko ke yonke indlu kaSirayeli mayazi ngokuqinisekileyo ukuba uThixo umenze iNkosi+ wamenza noKristu, lo Yesu nambethelelayo nina.”+
37 Ke kaloku bakukuva oku kwathi xhokro entliziyweni,+ yaye bathi kuPetros nabanye abapostile: “Madoda, bazalwana, senze ntoni na?”+ 38 UPetros wathi kubo: “Guqukani,+ yaye ngamnye wenu makabhaptizwe+ egameni+ likaYesu Kristu ukuze kuxolelwe+ izono zenu, kwaye niya kwamkela isipho sesisa+ somoya oyingcwele. 39 Kuba esi sithembiso+ senzelwa nina nabantwana benu nabo bonke abo bakude,+ bonke abo uYehova uThixo wethu asenokubabizela kuye.”+ 40 Yaye wanikela ubungqina obucokisekileyo nangamanye amazwi amaninzi waza wababongoza, esithi: “Sindiswani kwesi sizukulwana sigwenxa.”+ 41 Ngoko ke abo balamkela ngokusuk’ entliziyweni ilizwi lakhe babhaptizwa,+ yaye ngaloo mini kongezelelwa imiphefumlo emalunga namawaka amathathu.+ 42 Kwaye baqhubeka bezinikela emfundisweni yabapostile nasekwabelaneni,+ ngokutya+ nasemithandazweni.+
43 Eneneni, yonke imiphefumlo yafikelwa luloyiko, yaye kwenzeka imihlola nemiqondiso emininzi ngabapostile.+ 44 Bonke ababengamakholwa babendawonye, benezinto zonke ngokufanayo,+ 45 yaye bathengisa ngezinto abanazo+ nempahla baza babela bonke ingeniso yabo, kanye ngokokuswela kwakhe nabani na.+ 46 Imihla ngemihla babesiya rhoqo etempileni ngamxhelo mnye,+ betyela emakhayeni abo, bephuphuma yimihlali+ nokunyaniseka kwentliziyo, 47 bemdumisa uThixo kwaye bekholeka ebantwini bonke.+ Kwangaxeshanye uYehova waqhubeka ehlomela+ kubo mihla le abo basindiswayo.+