Roma
7 Ngaba anazi na, bazalwana, (kuba ndithetha kwabo bawaziyo umthetho,) ukuba uMthetho uyinkosi phezu komntu lo gama ephila?+ 2 Ngokomzekelo, umfazi otshatileyo ubotshiwe ngumthetho kwindoda yakhe ngoxa isaphila; kodwa ukuba ithe yafa indoda yakhe, ukhululekile emthethweni wendoda yakhe.+ 3 Ngoko, ke, ngoxa indoda yakhe isaphila, uya kubizwa ngokuthi ngumkrexezikazi ukuba uba ngowenye indoda.+ Kodwa ukuba ithe yafa indoda yakhe, ukhululekile emthethweni wayo, khon’ ukuze angabi ngumkrexezikazi ukuba uba ngowenye indoda.+
4 Ngoko, bazalwana bam, nani nenziwa abafileyo kuwo uMthetho+ ngawo umzimba kaKRISTU, ukuze nibe ngabomnye,+ abalowo wavuswayo kwabafileyo,+ ukuze sibe nokuthwala isiqhamo+ kuThixo. 5 Kuba xa sasivumelana nenyama,+ iinkanuko zesono ezazivuselelwa nguMthetho zazisebenza kumalungu ethu ukuze sibe nokuvelisa isiqhamo esisa ekufeni.+ 6 Kodwa ngoku sikhululwe kuwo uMthetho,+ kuba siye safa+ koko kwakusibambile, ukuze sibe ngamakhoboka+ ngengqiqo entsha ngomoya,+ kungekhona ngengqiqo endala ngengqokelela yemithetho ebhaliweyo.+
7 Sithini na ke ngoko? Ngaba uMthetho usisono?+ Nakanye! Ngokwenene ngendingasazanga isono+ ukuba bekungengaMthetho; ngokomzekelo, ngendingayazanga inkanuko+ ukuba uMthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze ungakhanuki.”+ 8 Isono ke, sifumene ithuba ngawo umyalelo,+ sandivusela yonke inkanuko, kuba ngaphandle komthetho isono sifile.+ 9 Enyanisweni, ndandingophilileyo ngaphandle komthetho;+ kuthe ke kwakufika umyalelo,+ sabuyela ebomini kwakhona isono, mna ndafa.+ 10 Yaye umyalelo owawumiselwe ukusa ebomini,+ ndawufumana usingisa ekufeni.+ 11 Kuba isono, safumana ithuba ngawo umyalelo, sandilukuhla+ saza ngawo sandibulala. 12 Ngoko ke uMthetho ungcwele,+ nomyalelo ungcwele, unobulungisa+ yaye ulungile.+
13 Kusuke na, ngoko, okulungileyo kwaba kukufa kum? Nakanye! Kodwa isono saba kuko ukufa, ukuze sibe nokubonakaliswa njengesono esibangela ukufa kum ngako oko kulungileyo;+ ukuze isono sibe sisono ngakumbi ngawo umyalelo.+ 14 Kuba siyazi ukuba uMthetho ngowokomoya;+ kodwa mna ndingowokwenyama, ndithengiswe phantsi kwesono.+ 15 Kuba oko ndikusebenzayo andikwazi. Kuba oko ndikunqwenelayo, andikuqheliseli; kodwa oko ndikuthiyileyo koko ndikwenzayo. 16 Noko ke, ukuba oko ndingakunqweneliyo koko ndikwenzayo,+ ndiyavuma ukuba uMthetho usulungekile.+ 17 Kodwa ngoku lowo ukusebenzayo ayisendim, kodwa sisono esihleli kum.+ 18 Kuba ndiyazi ukuba kum, oko kukuthi, kwinyama yam, akuhlali nto ilungileyo;+ kuba umnqweno+ ukho kum, kodwa amandla okwenza+ oko kuhle akakho. 19 Kuba okulungileyo endikunqwenelayo andikwenzi,+ kodwa okubi endingakunqweneliyo kuko endikuqheliselayo. 20 Ukuba oko ndingakunqweneliyo koko ndikwenzayo, lowo ukusebenzayo ayisendim, kodwa sisono esihleli kum.+
21 Ngoko, ndifumana lo mthetho kum: ukuba xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo,+ kusuke kubekho okubi kum.+ 22 Ngokwenene ndiyayoliswa+ ngumthetho kaThixo ngokomntu endinguye+ ngaphakathi, 23 kodwa ndibona omnye umthetho emalungwini am+ usilwa+ nomthetho wengqondo yam+ yaye undithimbela emthethweni wesono+ osemalungwini am. 24 Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?+ 25 Ndiyambulela uThixo ngaye uYesu Kristu iNkosi yethu!+ Ngoko, ke, ngengqondo yam mna ngokwam ndilikhoboka lomthetho kaThixo,+ kodwa ngomzimba wam ndilelomthetho wesono.+