Duteronomi
10 “Ngelo xesha wathi uYehova kum, ‘Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini njengawokuqala,+ unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi.+ 2 Yaye ndiya kuwabhala emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, owaphuleyo, uze uwabeke etyeyeni.’ 3 Ndenza ke ityeya ngomthi womnga, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini njengawokuqala+ ndaza ndanyuka ndaya entabeni, esesandleni sam amacwecwe lawo omabini. 4 Ngoko wabhala emacwecweni lawo ngokombhalo wokuqala,+ aMazwi Alishumi,+ awawathethayo uYehova kuni entabeni phakathi komlilo+ ngomhla wokudibana kwebandla;+ emva koko uYehova wandinika wona. 5 Ndajika ke ndehla entabeni+ ndaza ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo, ukuze ahlale khona, kanye njengoko uYehova wandiyalelayo.+
6 “Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheheroti Bhene-yahakan+ baya eMosera. Wafela apho uAron, wangcwatyelwa khona;+ waza uEleyazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe.+ 7 Banduluka khona baya eGudegoda, banduluka eGudegoda baya eYotebhata,+ ilizwe elineentlambo zamanzi aqukuqelayo.
8 “Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi+ ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova,+ nokuba sime phambi koYehova silungiselele kuye+ size sisikelele egameni lakhe unanamhla.+ 9 Kungenxa yoko le nto uLevi engenasabelo nalifa+ ndawonye nabazalwana bakhe. NguYehova ilifa lakhe, kanye njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.+ 10 Ndema ke mna entabeni njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane,+ wandiphulaphula uYehova nangeso sihlandlo.+ UYehova akafunanga ukunonakalisa.+ 11 Wathi uYehova kum, ‘Suka ume, uhambe phambi kwaba bantu nize ninduluke, ukuze bangene balidle ilifa ilizwe endafungayo kookhokho babo ukubanika lona.’+
12 “Kaloku ke, Sirayeli, yintoni na uYehova uThixo wakho ayifunayo kuwe+ ngaphandle kokuba woyike+ uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke+ uze umthande+ yaye umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke;+ 13 ugcine imiyalelo kaYehova nemimiselo yakhe+ endikuyalela ngayo namhlanje, ukuze kulunge kuwe?+ 14 Yabona, ngakaYehova uThixo wakho amazulu, nditsho amazulu awo amazulu,+ nomhlaba+ nako konke okukuwo. 15 UYehova wanamathela kookhokho bakho kuphela ukuba abathande, wanyula inzala yabo emva kwabo,+ nina aba, kunazo zonke ezinye izizwana, njengoko kusenjalo unanamhla. 16 Yalusani ke ijwabi leentliziyo zenu+ ningabi sazenza zibe lukhuni iintamo zenu.+ 17 Kuba uYehova uThixo wenu nguTHIXO woothixo+ neNKOSI yeenkosi,+ nguTHIXO omkhulu, onamandla nowoyikekayo,+ ongakhethi buso+ nongamkeli sinyobo,+ 18 ogwebela inkwenkwe engenayise nomhlolokazi,+ othanda umphambukeli+ amnike isonka nengubo yokwaleka. 19 Nani nimele nimthande umphambukeli,+ kuba naningabaphambukeli ezweni laseYiputa.+
20 “Uze umoyike uYehova uThixo wakho.+ Uze umkhonze,+ unamathele kuye,+ ufunge ngegama lakhe.+ 21 UnguLowo ufanele umdumise,+ unguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu nezoyikekayo azibonileyo amehlo akho.+ 22 Behla beyimiphefumlo engamashumi asixhenxe ookhokho bakho ukuya eYiputa,+ ke ngoku uYehova uThixo wenu unenze nangangeenkwenkwezi zasemazulwini ukuba baninzi kwenu.+