Eksodus 25:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Yaye bamele bandenzele ingcwele, ndize ndimise umnquba wam phakathi kwabo.+ Levitikus 26:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Eneneni ndohamba phakathi kwenu, ndibe nguThixo wenu,+ nina nibe ngabantu bam.+ Zekariya 2:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 “Iintlanga ezininzi ngokuqinisekileyo ziya kuzihlanganisa noYehova ngaloo mini,+ yaye okunene ziya kuba ngabantu bam;+ nam ndiza kuhlala phakathi kwakho.” Kuya kufuneka ke wazi ukuba uYehova wemikosi undithumile kuwe.+ 2 Korinte 6:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Yaye inakuvisisana kuni na itempile kaThixo nezithixo?+ Kuba siyitempile+ kaThixo ophilayo; kanye njengoko uThixo wathi: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo,+ ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+ Efese 2:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Ngokumanyene naye,+ nani, nakhelwa ndawonye ekubeni yindawo yokumiwa nguThixo ngomoya.+
11 “Iintlanga ezininzi ngokuqinisekileyo ziya kuzihlanganisa noYehova ngaloo mini,+ yaye okunene ziya kuba ngabantu bam;+ nam ndiza kuhlala phakathi kwakho.” Kuya kufuneka ke wazi ukuba uYehova wemikosi undithumile kuwe.+
16 Yaye inakuvisisana kuni na itempile kaThixo nezithixo?+ Kuba siyitempile+ kaThixo ophilayo; kanye njengoko uThixo wathi: “Ndiya kuhlala phakathi kwabo,+ ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+