14 Yaye nakanjani na aya kubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena Yehova uphakathi kwesi sizwana,+ oye wabonakala ubuso ngobuso kuso.+ Nokuthi unguYehova, nelifu lakho limi phezu kwaso, kwaye uhamba phambi kwaso emqulwini welifu emini nasemqulwini womlilo ebusuku.+