4 Ngoko zasondela phambi koEleyazare+ umbingeleli noYoshuwa unyana kaNun nezikhulu, zathi: “NguYehova owayalela uMoses ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu.”+ Ngako oko wazinika, ngokomyalelo kaYehova, ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.+