IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 22:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 “Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam, oxhwalekileyo okunye nawe,+ uze ungabi njengombolekisi obiza inzuzo enkulu kuye. Uze ungambizi nzala.+

  • Levitikus 25:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 Musa ukuthabatha nzala kuye okanye ufune inzuzo enkulu,+ kunoko umele umoyike uThixo wakho;+ aphile umzalwana wakho kuwe.

  • Nehemiya 5:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Yaye mna, abazalwana bam nabalindi bam sibolekisa ngemali nokudla okuziinkozo phakathi kwabo. Masincede, sikuyeke oku kubolekisa ngenzala.+

  • INdumiso 15:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  5 Imali yakhe akanikezelanga ngayo ngenzala,+

      Yaye akathabathanga ukunyotywa nxamnye nalowo umsulwa.+

      Lowo wenza ezi zinto akasayi kuze agungqiswe.+

  • Hezekile 18:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 kungekho nto ayinikela ngenzala+ yaye engabizi nzuzo inkulu;+ esibuyisa isandla sakhe kokungekho sikweni;+ ephumeza okusesikweni kokwenyaniso phakathi komntu nomntu;+

  • Hezekile 22:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Bathabathe isinyobo kuwe ngenjongo yokuphalaza igazi.+ Uthabathe inzala+ waza wabiza inzuzo enkulu,+ yaye ngogonyamelo uzenzela inzuzo+ kumaqabane akho ngokuqhatha,+ kwaye mna undilibele,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share