29 Yaye wamxhoma ukumkani waseAyi+ esibondeni de kwangokuhlwa;+ kwaye njengoko ilanga laliseliza kutshona uYoshuwa wanikela umyalelo, baza basithula+ esibondeni isidumbu sakhe basiphosa esangweni lesixeko yaye bemisa imfumba enkulu yamatye phezu kwaso, de kube namhla.