25 Yaye la madoda akazange afune ukumphulaphula. Ngenxa yoko le ndoda yabamba ishweshwe layo+ yaza yalikhuphela kuwo ngaphandle; aza aba neentlobano zokwazana nalo,+ kwaye aqhubeka elixhaphaza+ ubusuku bonke de kwaba kusasa, emva koko alindulula ekuzeni kwesifingo.