-
ABagwebi 18:2INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
2 Ekugqibeleni oonyana bakaDan bathumela amadoda amahlanu entsapho yawo, amadoda avela phakathi kwawo, amadoda ayengabafo abangamakroti, avela eTsora+ nase-Eshtawoli,+ ukuba aye kuhlola+ ilizwe aze alikhangele. Ngoko bathi kuwo: “Hambani, niye kuhlola ilizwe.” Ekuhambeni kwexesha afika kummandla weentaba wakwaEfrayim+ ukuya kufikelela kwindlu kaMika+ kwaye achitha ubusuku apho.
-