2 USawule ke wazinyulela amadoda angamawaka amathathu kwaSirayeli; yaye amawaka amabini aba kunye noSawule eMikimashe+ nakummandla weentaba waseBheteli, iwaka laba kunye noYonatan+ eGibheya+ yakwaBhenjamin, abanye abantu wabandulula, ngamnye waya ententeni yakhe.