5 Kamva wesuka uDavide waya kwindawo apho uSawule amise khona inkampu, waza uDavide wayibona indawo awayelele kuyo uSawule, noAbhinere+ unyana kaNere intloko yomkhosi wakhe; yaye uSawule wayelele kuthango lwenkampu+ nabantu bemise iintente macala onke.