IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Numeri 4:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “Bamele bagqibe uAron noonyana bakhe ukuyigubungela indawo engcwele+ neempahla+ zonke zendawo engcwele ekumkeni kwenkampu, baya kuthi ke emva koko bangene oonyana bakaKohati ukuze bazithwale,+ kodwa bamele bangayichukumisi+ indawo engcwele ukuze bangafi. Ezi zinto zingumthwalo woonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana.+

  • Numeri 7:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Kodwa bona oonyana bakaKohati akabanikanga nto, ngokuba babekhonza kwindawo engcwele.+ Kwaye bona babethwala ngegxalaba.+

  • Yoshuwa 3:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 aza ayalela abantu, esithi: “Nakuyibona ityeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, nababingeleli, abaLevi, beyithwele,+ niya kwandula nani ngokwenu ninduluke endaweni yenu, yaye nimele niyilandele,

  • 1 Kronike 15:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Kungelo xesha awathi uDavide: “Akakho omele athwale ityeya yoTHIXO oyinyaniso ngaphandle kwabaLevi, kuba ngabo uYehova abanyulele ukuthwala ityeya kaYehova+ nokulungiselela+ kuye ukusa kwixesha elingenammiselo.”

  • 1 Kronike 15:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Bandula oonyana babaLevi bayithwala+ emagxeni ngezibonda ityeya yoTHIXO oyinyaniso, kanye njengoko uMoses wayalelayo ngelizwi likaYehova.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share