2 Kwaye wakha iNdlu yeHlathi laseLebhanon+ ubude bayo buziikubhite ezilikhulu, kwaye ububanzi bayo buziikubhite ezingamashumi amahlanu, yaye ukuphakama kwayo kuziikubhite ezingamashumi amathathu, phezu kwezintlu ezine zeentsika zomsedare; yaye kwakukho imiqadi+ yomsedare phezu kweentsika.