16 Xa wonke uSirayeli wabona ukuba ukumkani wayengamphulaphulanga, bandula ke abantu bamphendula ukumkani, besithi: “Sinasabelo sini na kuDavide?+ Yaye akukho lifa kunyana kaYese. Koothixo bakho,+ Sirayeli. Ngoko zibonele indlu yakho, Davide!”+ Ke uSirayeli waya ezintenteni zakhe.