15 Kamva uYehoram+ ukumkani wabuyela eYizereli+ ukuze kuphile amanxeba akhe awaba nawo ekubethweni kwakhe ngamaSiriya ngoxa wayesilwa noHazayeli ukumkani waseSiriya.+
Ke kaloku uYehu wathi: “Ukuba umphefumlo wenu uyavuma,+ makungaphumi nabani na esixekweni aye kunikela ingxelo eYizereli.”