33 Emva kwale nto uYerobhoham akazange ajike kwindlela yakhe embi, kodwa kwakhona wahamba esenza ababingeleli beendawo eziphakamileyo kubantu ngokubanzi.+ Nabani na oyoliswayo koko, wayemmisela+ esithi: “Makabe ngomnye wababingeleli beendawo eziphakamileyo.”