IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 31:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Kuba ndazi kakuhle ukuba emva kokufa kwam niya kuzonakalisa ngenene,+ niphambuke ngokuqinisekileyo endleleni endiniyalele ngayo; nize ke eneneni nehlelwe yintlekele+ ekupheleni kwemihla, ngokuba niya kwenza ububi emehlweni kaYehova ukuba nimcaphukise ngemisebenzi yezandla zenu.”+

  • Duteronomi 32:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Watyeba ke uYeshurun,+ wakhabalaza.+

      Wazingxala wena, watyeba, waba mkhulu.+

      Ngoko wamshiya yena uThixo, owamenzayo,+

      Walidela iLiwa+ lokusindiswa kwakhe.

  • Yoshuwa 23:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 ngenxa yokuwugqitha kwenu umnqophiso kaYehova uThixo wenu awaniyalela wona, nangenxa yokuba niye naya kukhonza abanye oothixo naza naqubuda kubo.+ Yaye umsindo kaYehova uya kuvutha kuni+ ngokuqinisekileyo, kwaye ngokuqinisekileyo niya kutshabalala ngokukhawuleza kwilizwe elilungileyo aninike lona.”+

  • Nehemiya 9:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 “Noko ke, abazange bakuthobele+ baza bakuvukela+ baqhubeka bewunikela umva+ umthetho wakho, bababulala abaprofeti bakho,+ ababenikela ubungqina nxamnye nabo ukuze bababuyisele kuwe;+ yaye baqhubeka besenza izenzo zongakungabi nantlonelo okukhulu.+

  • INdumiso 106:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Baxubana neentlanga+

      Yaye bafunda imisebenzi yazo.+

  • Amosi 5:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 nina nijika okusesikweni kube ngumhlonyane,+ nabulahla ubulungisa emhlabeni.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share