IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 4:34
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 34 Okanye uThixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kolunye uhlanga ngezimanga,+ nangemiqondiso+ nangemimangaliso+ nangemfazwe+ nangesandla esomeleleyo+ nangengalo eyoluliweyo+ nangokoyikeka+ okukhulu njengako konke anenzele kona uYehova uThixo wenu eYiputa phambi kwamehlo enu?

  • Nehemiya 9:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Waza wenza imiqondiso nemimangaliso nxamnye noFaro nabo bonke abakhonzi bakhe nabo bonke abantu belizwe lakhe,+ kuba wawusazi ukuba babebakhukhumalele;+ yaye wazenzela igama+ njenganamhla.

  • Isaya 63:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Lowo uhambisa ingalo Yakhe entle+ ngasesandleni sasekunene sikaMoses; Lowo wahlukanisa amanzi phambi kwabo+ ukuze azenzele igama elihlala ngokungenammiselo;+

  • Hezekile 20:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Ndenjenjalo ngenxa yegama lam ukuze lingahlanjelwa phambi kwamehlo eentlanga ababephakathi kwazo,+ ngenxa yokuba ndandizazisile kubo phambi kwamehlo azo ngokubakhupha kwilizwe laseYiputa.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share