9 Abakhonzi bam baya kwehla nawo bevela eLebhanon+ bawase elwandle; kwaye mna ndiya kuwafaka kwizihlenga ahambe ngolwandle aye kufikelela kwindawo oya kundithumelela yona;+ yaye ngokuqinisekileyo aya kwahlukaniswa apho, ibe uya kuwathwala; yaye wena uya kundiyolisa ngokunika indlu yam ukutya.”+