14 Waza uYehova wawuvuselela umoya+ kaZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, irhuluneli yakwaYuda, nomoya kaYoshuwa+ unyana kaYehotsadaki umbingeleli omkhulu, nomoya wabo bonke abaseleyo ebantwini; baza baqalisa ukungena nokwenza umsebenzi wendlu kaYehova wemikhosi uThixo wabo.+