Yobhi 35:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Apho bayaqhubeka bedanduluka, kodwa akaphenduli,+Ngenxa yekratshi+ lababi. INdumiso 18:41 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 41 Bakhalela uncedo, kodwa akukho msindisi,+Bakhala kuYehova, kodwa eneneni akabaphenduli.+ IMizekeliso 28:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Oyisusayo indlebe yakhe ekuveni umthetho+—kwanomthandazo wakhe uyinto ecekisekayo.+ Yeremiya 11:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+ Yakobi 4:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Nokuba senide nacela, anamkeli, ngenxa yokuba nicela ngenjongo embi,+ nifuna nje ukufezekisa iinkanuko zenu zenyama.+
11 Ngoko ke utsho uYehova ukuthi: “Yabona, ndibazisela intlekele+ abangayi kukwazi ukuphuma kuyo;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kumemeza kum becela uncedo, kodwa andiyi kubaphulaphula.+
3 Nokuba senide nacela, anamkeli, ngenxa yokuba nicela ngenjongo embi,+ nifuna nje ukufezekisa iinkanuko zenu zenyama.+