Eksodus 20:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 “Uze ungangqini ubungqina bobuxoki ngedlelane lakho.+ INdumiso 52:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Ulwimi lwakho luceba intlekele, lulolwe njengencakuba,+Lusebenza inkohliso.+ INdumiso 57:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;+Andinakulala phakathi kwabaqwengayo, kwanoonyana babantu,Abamazinyo ayimikhonto neentolo,+Nabalulwimi lulikrele elibukhali.+ INdumiso 120:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Uya kukunika ntoni na umntu, yaye uya kongezelela ntoni na kuwe,Lulwimindini lunenkohliso?+ INdumiso 140:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Balulolile ulwimi lwabo njengolo lwenyoka;+Ubuhlungu berhamba elineempondwana buphantsi kwemilebe yabo.+ Seʹlah. Yeremiya 9:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 bagoba ulwimi lwabo njengesaphetha bexoka;+ kodwa abakhange bakumele ngamandla ukuthembeka elizweni. “Kuba basuka ebubini baye ebubini, nam lo abandinanzanga,”+ utsho uYehova. Yakobi 3:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Kaloku, ulwimi lungumlilo.+ Ulwimi lufana nqwa nehlabathi lentswela-bulungisa phakathi kwamalungu ethu, kuba ludyobha umzimba uphela,+ lukwatshisa nevili lobomi bemvelo; lona ke lutshiswa yiGehena.
4 Umphefumlo wam uphakathi kweengonyama;+Andinakulala phakathi kwabaqwengayo, kwanoonyana babantu,Abamazinyo ayimikhonto neentolo,+Nabalulwimi lulikrele elibukhali.+
3 Balulolile ulwimi lwabo njengolo lwenyoka;+Ubuhlungu berhamba elineempondwana buphantsi kwemilebe yabo.+ Seʹlah.
3 bagoba ulwimi lwabo njengesaphetha bexoka;+ kodwa abakhange bakumele ngamandla ukuthembeka elizweni. “Kuba basuka ebubini baye ebubini, nam lo abandinanzanga,”+ utsho uYehova.
6 Kaloku, ulwimi lungumlilo.+ Ulwimi lufana nqwa nehlabathi lentswela-bulungisa phakathi kwamalungu ethu, kuba ludyobha umzimba uphela,+ lukwatshisa nevili lobomi bemvelo; lona ke lutshiswa yiGehena.