IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 4:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “Kuphela nje zilumkele yaye uwunyamekele kakuhle umphefumlo wakho,+ ukuze ungazilibali izinto azibonileyo amehlo akho+ nokuze zingemki entliziyweni yakho yonke imihla yobomi bakho;+ yaye uze uzazise oonyana bakho nabazukulwana bakho,+

  • Yeremiya 17:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa.+ Ngubani na onokuyazi?

  • Marko 7:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 kuba ngaphakathi, entliziyweni yabantu,+ kuphuma iingcinga ezimbi: uhenyuzo,+ ubusela, ukubulala,+

  • Roma 8:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ukunyamekela inyama kuthetha ukufa,+ kodwa ukunyamekela umoya+ kuthetha ubomi noxolo;

  • Efese 6:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Yimani niqinile, ke ngoko, nibhinqe+ inyaniso+ ezinqeni zenu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa,+

  • Filipi 4:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Okokugqibela, bazalwana, hlalani nicinga ngezinto+ eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu,+ nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.

  • Kolose 3:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 Kodwa ngoku ngokwenene lahlani konke,+ ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo,+ nantetho ingamanyala+ emlonyeni wenu.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share