10 “‘Kuba nguwo lo umnqophiso endiya kunqophisana ngawo nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla,’ utsho uYehova. ‘Ndiza kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndize ndiyibhale ezintliziyweni zabo.+ Yaye ndiza kuba nguThixo wabo,+ bona babe ngabantu bam.+