Duteronomi 7:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Uze ungayingenisi into ecekisekayo endlwini yakho ukuze unganikelwa kwintshabalalo njengayo. Ifanele ibe nezothe kuwe, uyicekise,+ ngokuba inikelwe kwintshabalalo.+ Duteronomi 27:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 “‘Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo+ okanye otyhidiweyo,+ nto leyo ecekisekayo kuYehova,+ eyimveliso yezandla zosebenza ngomthi nangesinyithi,+ ayibeke endaweni esitheleyo.’ (Baphendule bonke abantu bathi, ‘Amen!’)+ 1 Kumkani 11:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Kwaye uSolomon waqalisa ukulandela uAshtoreti+ uthixokazi wamaSidon noMilkom+ into elizothe yama-Amoni.
26 Uze ungayingenisi into ecekisekayo endlwini yakho ukuze unganikelwa kwintshabalalo njengayo. Ifanele ibe nezothe kuwe, uyicekise,+ ngokuba inikelwe kwintshabalalo.+
15 “‘Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo+ okanye otyhidiweyo,+ nto leyo ecekisekayo kuYehova,+ eyimveliso yezandla zosebenza ngomthi nangesinyithi,+ ayibeke endaweni esitheleyo.’ (Baphendule bonke abantu bathi, ‘Amen!’)+
5 Kwaye uSolomon waqalisa ukulandela uAshtoreti+ uthixokazi wamaSidon noMilkom+ into elizothe yama-Amoni.