Isaya 60:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Ilanga aliyi kuba saba lukhanyiso kuwe emini, nokuqaqamba kwenyanga akusayi kuba sakukhanyisela. Yaye uYehova umele abe lukhanyiso lwakho oluhlala ngokungenammiselo,+ noThixo wakho abe bubuhle bakho.+ Malaki 4:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Kuni ke baloyikayo igama lam ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kukhanyisa,+ linokuphilisa emaphikweni alo;+ yaye okunene niya kuphuma nize nidlobe njengamathole eenkomo atyetyisiweyo.”+ Luka 2:32 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 32 ukhanyiselo+ lokushenxisa isigqubuthelo+ ezintlangeni+ nozuko lwabantu bakho amaSirayeli.” 1 Petros 4:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu,+ ninoyolo,+ ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.+ ISityhilelo 22:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Akusayi kubakho busuku khona,+ kungasayi kubakho mfuneko yokukhanya kwesibane nokukhanya kwelanga, kuba uYehova uThixo uya kuwakhanyisela,+ yaye aya kulawula njengookumkani ngonaphakade kanaphakade.+
19 Ilanga aliyi kuba saba lukhanyiso kuwe emini, nokuqaqamba kwenyanga akusayi kuba sakukhanyisela. Yaye uYehova umele abe lukhanyiso lwakho oluhlala ngokungenammiselo,+ noThixo wakho abe bubuhle bakho.+
2 Kuni ke baloyikayo igama lam ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kukhanyisa,+ linokuphilisa emaphikweni alo;+ yaye okunene niya kuphuma nize nidlobe njengamathole eenkomo atyetyisiweyo.”+
14 Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu,+ ninoyolo,+ ngenxa yokuba umoya wozuko, oko kukuthi, umoya kaThixo, uphumle phezu kwenu.+
5 Akusayi kubakho busuku khona,+ kungasayi kubakho mfuneko yokukhanya kwesibane nokukhanya kwelanga, kuba uYehova uThixo uya kuwakhanyisela,+ yaye aya kulawula njengookumkani ngonaphakade kanaphakade.+