35 Kwaza kwatyumka konke, intsimbi nodongwe oluxonxiweyo nobhedu nesilivere negolide, zaba njengomququ wesanda sasehlotyeni,+ kwafika umoya waziphephetha, awafunyanwa konke konke umkhondo wazo.+ Lasuka ilitye elabetha umfanekiso lowo, laba yintaba enkulu, lazalisa umhlaba uphela.+