Levitikus 26:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Ndiya kuthumela amarhamncwa asendle phakathi kwenu,+ aya kuthi ngokuqinisekileyo anihluthe abantwana benu,+ aqwenge nezilwanyana zenu zasekhaya, alinciphise inani lenu, neendlela zenu ziphanziswe.+ 2 Kumkani 17:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Yaye kwathi ekuqaliseni kokuhlala kwabo apho abamoyika+ uYehova. Ngoko ke uYehova wathumela iingonyama+ phakathi kwabo, zaza zababulala. Yeremiya 15:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 “‘Kwaye ndiza kubamisela iintsapho ezine,’+ utsho uYehova, ‘ikrele lokubulala, nezinja ukuba zirhuqe, nezidalwa eziphaphazelayo zamazulu+ nezilo zomhlaba ukuba zidle nokuba zonakalise. Amosi 5:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 kanye njengaxa umntu esaba ngenxa yengonyama, aze okunene ahlangane nebhere; nanjengaxa engena endlwini aze axhase isandla sakhe ngodonga, alunywe yinyoka.+
22 Ndiya kuthumela amarhamncwa asendle phakathi kwenu,+ aya kuthi ngokuqinisekileyo anihluthe abantwana benu,+ aqwenge nezilwanyana zenu zasekhaya, alinciphise inani lenu, neendlela zenu ziphanziswe.+
25 Yaye kwathi ekuqaliseni kokuhlala kwabo apho abamoyika+ uYehova. Ngoko ke uYehova wathumela iingonyama+ phakathi kwabo, zaza zababulala.
3 “‘Kwaye ndiza kubamisela iintsapho ezine,’+ utsho uYehova, ‘ikrele lokubulala, nezinja ukuba zirhuqe, nezidalwa eziphaphazelayo zamazulu+ nezilo zomhlaba ukuba zidle nokuba zonakalise.
19 kanye njengaxa umntu esaba ngenxa yengonyama, aze okunene ahlangane nebhere; nanjengaxa engena endlwini aze axhase isandla sakhe ngodonga, alunywe yinyoka.+