16 Ndeva saza isisu sam saqalisa ukuphazamiseka; sakuvakala eso sandi imilebe yam yabebezela; ukubola kwaqalisa ukungena emathanjeni am;+ ndaza ndaphazamiseka kwimeko yam, ukuze ngokuzola ndilindele imini yokubandezeleka,+ ukuza kwakhe ebantwini,+ ukuze abahlasele.