Isaya 13:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Yaye abantu baphazamisekile.+ Babanjwe yinimba nokuzibhijabhija; njengomfazi ozalayo baneentlungu zokubeleka.+ Bayajongana bethe manga. Ubuso babo bubuso bamalangatye.+ Yeremiya 4:31 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 31 Kuba ndive ilizwi elinjengelomfazi ogulayo, ukubandezeleka okunjengoko komfazi ozala umntwana wakhe wokuqala,+ ilizwi lentombi yaseZiyon emana ibefunyeka. Yolula izandla zayo, isithi:+ “Yeha ke kum, kuba umphefumlo wam udiniwe ngababulali!”+ Yeremiya 6:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Siyivile ingxelo engabo. Ziwile izandla zethu.+ Sibandezelekile, yaye sinenimba enjengaleyo yomfazi ozalayo.+ Mika 4:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “Ke kaloku kutheni na wamana ukhwaza kakhulu?+ Akukho kumkani na kuwe, okanye utshabalele na umcebisi wakho, ukuze nje ubanjwe yinimba enjengeyomfazi ozalayo?+
8 Yaye abantu baphazamisekile.+ Babanjwe yinimba nokuzibhijabhija; njengomfazi ozalayo baneentlungu zokubeleka.+ Bayajongana bethe manga. Ubuso babo bubuso bamalangatye.+
31 Kuba ndive ilizwi elinjengelomfazi ogulayo, ukubandezeleka okunjengoko komfazi ozala umntwana wakhe wokuqala,+ ilizwi lentombi yaseZiyon emana ibefunyeka. Yolula izandla zayo, isithi:+ “Yeha ke kum, kuba umphefumlo wam udiniwe ngababulali!”+
24 Siyivile ingxelo engabo. Ziwile izandla zethu.+ Sibandezelekile, yaye sinenimba enjengaleyo yomfazi ozalayo.+
9 “Ke kaloku kutheni na wamana ukhwaza kakhulu?+ Akukho kumkani na kuwe, okanye utshabalele na umcebisi wakho, ukuze nje ubanjwe yinimba enjengeyomfazi ozalayo?+