IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 33:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ngaloo mihla uYuda uya kusindiswa+ neYerusalem iya kuhlala ngonqabiseko.+ Kwaye kuya kuthiwa ukubizwa kwayo, uYehova ubuBulungisa Bethu.’”+

  • Yeremiya 46:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 “‘Wena ke, musa ukoyika, Yakobi mkhonzi wam, nawe Sirayeli,+ musa ukungenwa lunkwantyo. Kuba yabona, ndiyakusindisa ukude, nembewu yakho kwilizwe ethinjelwe kulo.+ Yaye ngokuqinisekileyo uYakobi uya kubuya aze angabi nasiphazamiso ahlale ngokukhululeka kungekho nabani na omngcangcazelisayo.+

  • Hezekile 34:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 “‘“Ndiza kwenza umnqophiso woxolo kunye nazo,+ yaye ngokuqinisekileyo ndiya kuwaphelisa elizweni amarhamncwa enzakalisayo,+ ziya kuthi ke okunene zihlale ngonqabiseko entlango zize zilale emahlathini.+

  • Hoseya 2:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Yaye ngaloo mini ngokuqinisekileyo ndiya kwenza umnqophiso namarhamncwa asendle+ nesidalwa esiphaphazelayo sasemazulwini nento erhubuluzayo yasemhlabeni, ndiya kwaphula isaphetha, ikrele nemfazwe ndizikhuphe elizweni,+ yaye ndiza kubalalisa benqabisekile.+

  • Mika 4:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Kwaye okunene baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe,+ yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo;+ kuba wona kanye umlomo kaYehova wemikhosi ukuthethile oko.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share