Isaya 1:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Zihlambeni;+ zihlambululeni;+ shenxisani ububi benu phambi kwamehlo am;+ yekani ukwenza okubi.+ Yeremiya 4:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Yihlambe ihlambuluke ebubini intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe.+ Kuya kude kube nini na iingcamango zakho zesiphoso zihleli ngaphakathi kwakho?+ Yeremiya 25:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 bona besithi, ‘Khanincede nibuye, wonk’ ubani endleleni yakhe embi nasebubini bezenzo zenu,+ nize niqhubeke nihlala emhlabeni uYehova awaninika wona nina nookhokho benu ukususela kudala ukusa kwixesha elide elizayo.+ Hezekile 18:30 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 30 “‘Ngoko ke ndiya kunigweba ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ndlu kaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.+ ‘Buyani, ewe, nizibuyise ekunxaxheni kwenu konke,+ kuze kungabikho nto isisikhubekiso enibangela nenze isiphoso.+ Hoseya 14:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 “Buya, Sirayeli, uze kuYehova uThixo wakho,+ kuba ukhubekile ngesiphoso sakho.+ Zekariya 1:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 “Uze uthi kubo, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “‘Buyelani kum,’+ utsho uYehova wemikhosi, ‘nam ndiya kubuyela kuni,’+ utsho uYehova wemikhosi.”’
14 Yihlambe ihlambuluke ebubini intliziyo yakho, Yerusalem, ukuze usindiswe.+ Kuya kude kube nini na iingcamango zakho zesiphoso zihleli ngaphakathi kwakho?+
5 bona besithi, ‘Khanincede nibuye, wonk’ ubani endleleni yakhe embi nasebubini bezenzo zenu,+ nize niqhubeke nihlala emhlabeni uYehova awaninika wona nina nookhokho benu ukususela kudala ukusa kwixesha elide elizayo.+
30 “‘Ngoko ke ndiya kunigweba ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ndlu kaSirayeli,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.+ ‘Buyani, ewe, nizibuyise ekunxaxheni kwenu konke,+ kuze kungabikho nto isisikhubekiso enibangela nenze isiphoso.+
3 “Uze uthi kubo, ‘Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “‘Buyelani kum,’+ utsho uYehova wemikhosi, ‘nam ndiya kubuyela kuni,’+ utsho uYehova wemikhosi.”’