3 Wena ke, nyana womntu, zenzele impahla yokuthinjwa uze uye ekuthinjweni ngexesha lasemini phambi kwamehlo abo, yaye umele uye ekuthinjweni usuka endaweni yakho uye kwenye indawo phambi kwamehlo abo. Mhlawumbi baya kubona, nakuba beyindlu enemvukelo.+