11 Ngokuba nguOgi ukumkani waseBhashan kuphela owasalayo kumaRefa+ awayesele. Khangela! Ithala lakhe, yayilithala lentsimbi. Asililo na eliya liseRabha+ loonyana baka-Amoni? Liziikubhite ezisithoba ubude balo, neekubhite ezine ububanzi balo, ngokwekubhite yomntu.