12 “Esi iya kuba sisibetho uYehova aya kubetha ngaso zonke izizwana okunene eziya kuthi zilwe neYerusalem:+ Inyama kabani iya kubola, ngoxa ubani esemi ngeenyawo;+ namehlo kabani aya kubolela emakrolomeni awo, nolwimi lukabani luya kubolela emlonyeni kabani.