19 Zawaphakamisa ke ngoku iikherubhi amaphiko azo zaza zaphakama emhlabeni+ phambi kwamehlo am. Ekuhambeni kwazo, namavili ayesecaleni kwazo ngokusondeleyo; zaza zema ngasesangweni lendlu kaYehova ngasempuma, yaye ubuqaqawuli bukaTHIXO kaSirayeli babuphezu kwazo, ngaphezulu.