8 Ngokuqinisekileyo iya kuba njengomthi otyalwe ngasemanzini, othumela iingcambu zawo ngasemfuleni; kwaye ayiyi kukubona ukufika kobushushu, kodwa okunene amahlamvu ayo aya kunaba.+ Nangonyaka wembalela+ ayiyi kuba nexhala, ingayeki nokuvelisa isiqhamo.