12 Yaye abasemzini, oozwilakhe beentlanga, baya kuwugawula, nabantu baya kuwushiya ezintabeni; ngokuqinisekileyo amahlamvu awo aya kuwela ezintlanjeni, namasebe awo aya kwaphuka phakathi kwemisinga yonke yomhlaba.+ Kwaye zonke izizwana zomhlaba ziya kuhla zishiya umthunzi wazo.+