47 Yandibuyisela emnyangweni weNdlu,+ yaye, khangela! kwakukho amanzi+ aphuma phantsi kombutho womnyango weNdlu ngasempuma,+ kuba umngaphambili weNdlu wawungasempuma. Amanzi ke ayesihla evela ngaphantsi, kwicala lasekunene leNdlu, kumzantsi wesibingelelo.