38 Ke kaloku emva kwezi zinto uYosefu waseArimathiya, owayengumfundi kaYesu kodwa engulowo ufihlakeleyo ngenxa yokoyika kwakhe amaYuda,+ wacela kuPilato ukuba awususe umzimba kaYesu; waza uPilato wamnika imvume.+ Ngoko ke weza wawususa umzimba wakhe.+