8 Yaye khangela! nalo ihashe eliluthuthu; lowo wayehleli phezu kwalo wayenguKufa igama lakhe. Kwaye iHadesi+ yayimlandela ngokusondeleyo. Banikwa igunya phezu kwenxalenye yesine yomhlaba, lokubulala ngekrele elide+ nangokunqongophala kokutya+ nangesibetho esibulalayo nangamarhamncwa+ omhlaba.