16 Eneneni, inkulu ngokuqinisekileyo yona imfihlelo engcwele+ yozinikelo lwethu lobuthixo, eyile: ‘Wabonakaliswa esenyameni,+ wavakaliswa elilungisa esemoyeni,+ wabonakala kwiingelosi,+ kwashunyayelwa ngaye phakathi kweentlanga,+ lakholwa kuye ihlabathi,+ wanyuswa waba sebuqaqawulini.’+