Genesis
23 Ke kaloku uSara wabudla ubomi iminyaka elikhulu elinamashumi amabini anesixhenxe. Leyo yiminyaka yobomi bukaSara.+ 2 Wafa ke uSara eKiriyati-arbha,+ oko kukuthi, eHebron,+ ezweni lakwaKanan,+ waza uAbraham waya kumenzela isijwili uSara, wamlilela. 3 Wasuka ke uAbraham phambi komfikazi lowo waza wathetha noonyana bakaHeti,+ esithi: 4 “Ndingumphambukeli nomfiki phakathi kwenu.+ Ndinikeni indawo yokungcwaba phakathi kwenu ukuze ndimngcwabe umfikazi angabikho phambi kwam.”+ 5 Ngoko oonyana bakaHeti bamphendula uAbraham, bathi kuye: 6 “Sive, nkosi yam.+ Usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu.+ Mngcwabe umfikazi kweyona ndawo yethu intle yokungcwaba.+ Akukho namnye kuthi uya kwala nendawo yakhe yokungcwaba kuwe ukuze ungamngcwabi umfikazi lowo.”+
7 Wasuka uAbraham waqubuda koonyana bakaHeti,+ abayinzalelwane yalapho,+ 8 waza wathetha nabo, esithi: “Ukuba imiphefumlo yenu iyavuma ukuba ndimngcwabe umfikazi angabikho phambi kwam, ndiphulaphuleni nize nindibongozele kuEfron unyana kaTsohare,+ 9 ukuba andinike laa mqolomba wakhe useMakaphela,+ osekupheleni kwentsimi yakhe. Makandinike wona ngomlinganiselo opheleleyo wesilivere, ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.”+
10 Kwathi kanti, naye uEfron lowo wayehleli phakathi kwaba nyana bakaHeti. Ngoko uEfron umHiti+ wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abo bangenayo ngesango lesixeko sakowabo, esithi:+ 11 “Hayi, nkosi yam! Khawundiphulaphule. Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika. Emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika.+ Mngcwabe khona umfikazi.” 12 Wasuka waqubuda uAbraham phambi kwenzalelwane leyo 13 waza wathetha kuEfron ezindlebeni zenzalelwane leyo, esithi: “Kuphela ukuba unga—hayi khona, phulaphula! Ndokunika isilivere elingene intsimi leyo. Yithabathe kum,+ ukuze ndimngcwabe khona umfikazi.”
14 Ngoko uEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye: 15 “Nkosi yam, phulaphula. Esa siqwenga somhlaba sixabisa amakhulu amane eeshekele zesilivere, yintoni na ke leyo phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.”+ 16 Ngako oko uAbraham wamphulaphula uEfron, waza uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo wayethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu amane eeshekele zesilivere ezisetyenziswa ngabarhwebi.+ 17 Ngaloo ndlela intsimi kaEfron eyayiseMakaphela, ephambi kweMamre, intsimi leyo nomqolomba owawukuyo nayo yonke imithi eyayikuloo ntsimi,+ ijikeleze yonke imida yayo, yaqinisekiswa+ 18 kuAbraham njengomhlaba wakhe awuthengileyo phambi kwamehlo oonyana bakaHeti phakathi kwabo bonke abo bangenayo ngesango lesixeko sakowabo.+ 19 Yaye emva koko uAbraham wamngcwaba uSara umfazi wakhe kumqolomba wentsimi yaseMakaphela ephambi kweMamre, oko kukuthi, iHebron, ezweni lakwaKanan.+ 20 Ngaloo ndlela kwaqinisekiswa ukuba intsimi leyo kunye nomqolomba owawukuyo, ezazisezandleni zoonyana bakaHeti,+ yayizezika-Abraham ukuze abe nendawo yokungcwaba.