Levitikus
7 “‘Nguwo ke lo umthetho womnikelo wetyala:+ Uyeyona nto ingcwele.+ 2 Kwindawo+ ekuxhelelwa kuyo rhoqo umnikelo otshiswayo bowuxhelela khona umnikelo wetyala, lize igazi lawo+ lifefwe+ kujikelezwe isibingelelo. 3 Wosondeza onke amanqatha awo,+ umsila otyebileyo nomhlehlo ogubungele amathumbu, 4 nezintso zombini nenqatha lazo neliselusendweni. Wona umhlehlo ophezu kwezintso, wowususa kunye nezintso.+ 5 Yaye umele aqhumisele ngazo umbingeleli esibingelelweni zibe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova.+ Lidini letyala ke elo. 6 Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla.+ Lodliwa endaweni engcwele. Liyeyona nto ingcwele lona.+ 7 Njengoko unjalo umnikelo wesono, unjalo nomnikelo wetyala. Mnye umthetho wayo.+ Umbingeleli ocamagushela ngawo, woba ngowakhe.
8 “‘Umbingeleli osondeza umnikelo otshiswayo wakhe nawuphi na umntu, isikhumba+ somnikelo lowo otshiswayo awusondezileyo soba sesombingeleli.
9 “‘Nomnikelo wonke wokudla okuziinkozo okunokubhakwa eontini+ nawo wonke owenzelwa eketileni evulekileyo yokuqhotsa amafutha+ nasepanini,+ ngowombingeleli owusondezayo. Woba ngowakhe.+ 10 Kodwa wonke umnikelo wokudla okuziinkozo ogalelwe ioli+ okanye owomileyo+ woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye afumane njengomnye.
11 “‘Nguwo lo umthetho wombingelelo wobudlelane+ oya kusondezwa kuYehova nguye nabani na: 12 Ukuba uwusondeza njengombulelo,+ umele asondeze ndawonye nombingelelo lowo wombulelo amaqebengwana abusazinge angenagwele agalelwe ioli+ nezonka ezisicaba ezineoli ziqatywe ioli namaqebengwana abusazinge enziwe ngomgubo ocolekileyo oxovulwe kakuhle waza wagalelwa ioli. 13 Kunye namaqebengwana abusazinge esonka esingenagwele+ wosondeza umnikelo wakhe ndawonye nombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yakhe yobudlelane. 14 Yaye kuwo umele athabathe inxalenye enye kumnikelo ngamnye aze ayisondeze njengesahlulo esingcwele kuYehova;+ yoba yeyombingeleli ofefa igazi lemibingelelo yobudlelane.+ 15 Nenyama yombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yobudlelane yodliwa ngomhla wokunikela kwakhe. Umele angashiyi nento kuyo kude kuse.+
16 “‘Ukuba ke umbingelelo womnikelo wakhe ngowesibhambathiso+ okanye ngumnikelo wokuzithandela,+ wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe, kuze okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso. 17 Kodwa okuseleyo enyameni yombingelelo ngomhla wesithathu makutshiswe ngomlilo.+ 18 Noko ke, ukuba kuthe kwadliwa nokuba yintwana le yenyama yombingelelo wakhe wobudlelane ngomhla wesithathu, akayi kukholeka lowo uwusondezayo.+ Awuyi kubalelwa kuye.+ Woba yinto engcolileyo, yaye umphefumlo odlayo kuwo wophendula ngesiphoso sawo.+ 19 Nenyama ethe yadibana nayo nantoni na engahlambulukanga+ mayingadliwa. Yotshiswa ngomlilo. Ke yona inyama, angayidla wonke ubani ohlambulukileyo.
20 “‘Umphefumlo osukuba usidla inyama yombingelelo wobudlelane, ongokaYehova, ungahlambulukanga, wonqunyulwa loo mphefumlo ebantwini bakowawo.+ 21 Xa uthe umphefumlo wachukumisa nantoni na engahlambulukanga, nokuba kukungahlambuluki komntu+ okanye isilo esingahlambulukanga+ okanye nayiphi na into engahlambulukanga nelizothe,+ waza eneneni wadla enyameni yombingelelo wobudlelane, ongokaYehova, wonqunyulwa loo mphefumlo ebantwini bakowawo.’”
22 Waza waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, esithi: 23 “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Nize ningawadli kwaphela amanqatha+ enkunzi yenkomo, nawetakane legusha eliyinkunzi okanye awebhokhwe. 24 Amanqatha ento efileyo namanqatha esilwanyana+ esiqwengiweyo ningawasebenzisa nakweyiphi na into enokuthelekelelwa, kodwa nize ningawadli konke konke. 25 Kuba nabani na owadlayo amanqatha esilo asisondezileyo saba ngumnikelo wasemlilweni kuYehova, loo mphefumlo uwadlayo wonqunyulwa+ ebantwini bakowawo.
26 “‘Nize ningadli naliphi na igazi+ nakweyiphi na indawo enihlala kuyo, nokuba lelentaka okanye lelesilo. 27 Nawuphi na umphefumlo odla naliphi na igazi, wonqunyulwa loo mphefumlo+ ebantwini bakowawo.’”
28 Wahlabela mgama uYehova ethetha kuMoses, esithi: 29 “Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, ‘Lowo usondeza umbingelelo wakhe wobudlelane kuYehova wowuzisa umnikelo wakhe kuYehova ewuthabatha kumbingelelo wakhe wobudlelane lowo.+ 30 Izandla zakhe zolizisa inqatha+ eliphezu kwencum libe ngumnikelo wasemlilweni kuYehova. Wolizisa kunye nencum ukuba litshangatshangiswe njengomnikelo otshangatshangiswayo+ phambi koYehova. 31 Yaye umbingeleli umele aqhumisele ngenqatha+ elo esibingelelweni, kodwa yona incum yoba yeka-Aron noonyana bakhe.+
32 “‘Umlenze wasekunene nowunika umbingeleli, ube sisahlulo sakhe esingcwele+ emibingelelweni yenu yobudlelane. 33 Lowo phakathi koonyana baka-Aron usondeza igazi lemibingelelo yobudlelane nenqatha, umlenze wasekunene woba sisahlulo sakhe.+ 34 Kuba incum yomnikelo otshangatshangiswayo+ nomlenze wesahlulo esingcwele ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yobudlelane, ndawunika uAron umbingeleli noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo wexesha elingenammiselo, koonyana bakaSirayeli.
35 “‘Sisabelo sika-Aron eso sobubingeleli nesabelo sobubingeleli soonyana bakhe emnikelweni wasemlilweni kaYehova, ngomhla awabasondeza ngawo+ ukuba babe ngababingeleli kuYehova, 36 kanye njengoko uYehova wayalela ukuba basinikwe ngomhla awabathambisa ngawo+ phakathi koonyana bakaSirayeli. Ngummiselo wexesha elingenammiselo lowo ezizukulwaneni zabo.’”+
37 Nguwo lowo umthetho womnikelo otshiswayo,+ nowomnikelo wokudla okuziinkozo,+ nowomnikelo wesono,+ nowomnikelo wetyala,+ nowombingelelo wokumiselwa,+ nowombingelelo wobudlelane,+ 38 kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses eNtabeni yaseSinayi+ mhla wabayalelayo oonyana bakaSirayeli ukuba basondeze iminikelo yabo kuYehova entlango yaseSinayi.+