Marko
13 Njengoko wayephuma etempileni omnye wabafundi bakhe wathi kuye: “Mfundisi, khangela! olunjani lona uhlobo lwamatye yaye olunjani lona uhlobo lwezakhiwo!”+ 2 Noko ke, uYesu wathi kuye: “Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu?+ Akuyi kusala litye phezu kwelitye+ apha elingayi kudilizwa.”+
3 Yaye njengoko wayehleli kwiNtaba yemiNquma ekhangelene netempile, uPetros+ noYakobi noYohane noAndreya bambuza ngasese besithi:+ 4 “Sixelele, Ziya kubakho nini na ezi zinto, kwaye uya kuba yintoni na umqondiso xa zonke ezi zinto zimiselwe ukufikelela esiphelweni?”+ 5 Ngoko uYesu wathi kubo: “Lumkani kungabikho bani unilahlekisayo.+ 6 Baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, ‘Ndinguye,’ yaye baya kulahlekisa abaninzi.+ 7 Ngaphezu koko, xa nisiva ngeemfazwe neengxelo zeemfazwe, ningankwantyi; ezi zinto zimele zenzeke, kodwa isiphelo asikabikho.+
8 “Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani,+ kuya kubakho iinyikima zomhlaba+ kwiindawo ngeendawo, kuya kubakho ukunqongophala kokutya.+ Oku kukuqala kwenimba.+
9 “Nina ke, zilumkeleni; abantu baya kuninikela kwiinkundla zasekuhlaleni,+ yaye niya kubethwa kwizindlu zesikhungu+ nize nimiswe phambi kweerhuluneli nookumkani ngenxa yam, ukuze kube bubungqina kubo.+ 10 Kumele kushunyayelwe iindaba ezilungileyo+ kuzo zonke iintlanga kuqala.+ 11 Xa ke besiya kuninikela, musani ukuyixhalela kwangaphambili into eniya kuyithetha;+ kodwa nakuphi na enikunikwayo ngelo lixa, thethani kona, kuba asinini abo bathethayo, kodwa ngumoya oyingcwele.+ 12 Ngapha koko, umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana,+ nabantwana baya kuvukela abazali baze bababulalise;+ 13 yaye niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.+ Kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni+ uya kusindiswa.+
14 “Noko ke, xa nibona into elizothe+ ebangela isiphanziso+ imi apho ingafanele ime khona (ofundayo makaqiqe),+ mabandule abo bakwelakwaYuda basabele ezintabeni.+ 15 Umntu ophezu kwendlu makangehli, okanye angene ngaphakathi ukuze athabathe nantoni na endlwini yakhe;+ 16 umntu osentsimini makangabuyeli kwizinto ezisemva ukuze athabathe isambatho sakhe sangaphezulu.+ 17 Yeha abafazi abamithiyo nabanyisa iintsana ngaloo mihla!+ 18 Hlalani nithandazela ukuba kungabi sebusika;+ 19 kuba loo mihla iya kuba yimihla yembandezelo+ ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwendalo awayidalayo uThixo de kwalelo xesha, kwaye ayisayi kubakho kwakhona.+ 20 Enyanisweni, ngaphandle kokuba uYehova+ ayinqumle loo mihla, bekungayi kubakho nyama isindayo. Kodwa ngenxa yabanyuliweyo+ abo aye wabanyula+ uyinqumle loo mihla.+
21 “Kwakhona, ngoko, ukuba nabani na uthi kuni, ‘Yabonani! Nanku uKRISTU,’ ‘Yabonani! Nankuya,’+ ningakukholelwa oko.+ 22 Kuba kuya kuvela+ ooKristu bobuxoki nabaprofeti bobuxoki yaye baya kunikela imiqondiso nemimangaliso+ ukuze balahlekise, ukuba kunokwenzeka, abo banyuliweyo.+ 23 Ngoko ke, nina, phaphani;+ ndinixelele zonke izinto kwangaphambili.+
24 “Kodwa ngaloo mihla, emva kwaloo mbandezelo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukhanya kwayo, 25 neenkwenkwezi ziya kube zisiwa ezulwini, namandla asemazulwini aya kugungqiswa.+ 26 Baya kwandula ke bambone uNyana womntu+ esiza emafini enamandla nobuqaqawuli obukhulu.+ 27 Uya kwandula ke athumele iingelosi aze abahlanisele ndawonye abo banyuliweyo+ bakhe bevela koomoya abane, ukusuka kwisiphelo somhlaba ukusa kwisiphelo sezulu.+
28 “Ke kaloku fundani umzekeliso kuwo umkhiwane: Kwakamsinya nje lakuba isetyana lawo lithamba lize livelise amagqabi alo, niyazi ukuba ihlobo likufuphi.+ 29 Ngokunjalo nani, xa nibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ukufuphi, eminyango.+ 30 Inene ndithi kuni asisayi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.+ 31 Liya kudlula izulu+ nomhlaba, kodwa amazwi am+ akayi kudlula.+
32 “Akukho bani uwaziyo loo mhla okanye elo lixa, azazi neengelosi ezisezulwini engazi noNyana, ngaphandle koBawo.+ 33 Hlalani nikhangele, hlalani niphaphile,+ kuba anazi ukuba ixesha elimisiweyo linini na.+ 34 Kufana nomntu owahambela kwenye indawo+ washiya indlu yakhe waza wanika amakhoboka akhe igunya, ngalinye umsebenzi walo, waza wayalela umgcini-mnyango ukuba ahlale elindile. 35 Ngoko ke hlalani nilindile,+ kuba anazi ukuba inkosi yendlu iza kufika nini, enoba xa sele imini ihambile okanye ezinzulwini zobusuku okanye ekulileni kweenkuku okanye ngonyezi;+ 36 ukuze xa ifika ngequbuliso, inganifumani nilele.+ 37 Kodwa oko ndikutsho kuni ndikutsho kubo bonke, Hlalani nilindile.”+